Akukho nto usihlalo webhodi kaBoxing South Africa (BSA) uSifiso Shongwe ayinqwenela ngaphezu kokusoloko efuthelana nababandakanyekayo emanqindini, ingakumbi ukuva iimbethi-manqindi zizithethela ngokunokwazo. 

UShongwe ukuthethe oku kulandela ukufuthelana kukaBSA nababandakanyekayo ngeCawa emva kocweyo ebebenalo eMuldersdrift. 

“Singathanda kakhulu ukuva iimbethi-manqindi zizithethela xa sinethuba lokufuthelana. Kufuneka zizithethele ngokunokwazo,” utshilo uShongwe.

UShongwe wongeze ngelithi: “Ndingathanda kakhulu ukufuthelana nabo bonke rhoqo. Mhlawumbi sifuthelane qho ngeenyanga ezintathu ukuze sinike ithuba lokokuba bathethe nathi njengebhodi ukuze sithabathe lomdlalo siwuse phambili.”

UShongwe kunye namahlakani akhe uGqirha Luvuyo Bayeni, uSakhiwe Sodo, uLuxolo September, uRomy Titus, uGqirha Koketjo Tsebe noNande Mheshe bonyulelwa kulebhodi kaBSA nguZizi Kodwa, owayenguMphathiswa weZemidlalo, ngoMeyi. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php