URulani Mokwena utyikitye isivumelwano seminyaka emithathu njengokuba eqale ubomi obutsha ngoLwesine ngokuhlwa njengomqeqeshi weezangxa zaseMorocco iWydad Athletic Club. 

UMokwena uzibandakanye neWydad ezintshatsheli zaseMorocco izihlandlo ezingamashumi amabini anesibini iveki nje emva kokugxothwa ziintshatsheli zeDStv Premiership iMamelodi Sundowns.

“Mandiqale ngokubulela umongameli uMnumzana Hicham kunye nesigqeba sakhe sonke, abantu abanobuntu. Kubathabathe nje iiyure ezimbalwa ukunxibelelana nomlawuli emva kokumka kwam kwiSundowns. Ndikwabulela amaqela bendisebenza kuwo ngaphambili iSundowns ne-Orlando Pirates,” utshilo uMokwena. 

UMokwena, oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe, wongeze ngelithi: “Ndiyincoma kakhulu into yokokuba ibhodi elawulayo inamaphupha njengam, kwaye izinikele ekusinikeni inkxaso epheleleyo ekuvuseni esisangxa sileleyo.” 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php