INational Professional Boxing Promoters Association (NPBPA) ikhwebele onke amalungu ayo kwintlanganiso ezakuqala ngentsimbi yesithandathu ngokuhlwa ngoMvulo kuleveki ezayo. 

Lentlanganiso ezakubanjwa kuGoogle Meet izakuxoxa phakathi kwezinto indlela ekuvunywa nekukhatywa ngayo imilo, izigaba zamashumi amathathu anesithathu namashumi amathathu anesine zeBoxing Act kunye nemali abathelekisi abayityala uBoxing South Africa (BSA). 

Uninzi okanye zonke iinkokheli zeNPBPA zityala uBSA isixa-mali esivisayo, logama ezinye zazo zityala ukuyokufikelela kwizigidi ezintathu.  

Kusenjalo, ibhodi kaBSA yabhengeza kulenyanga ephelileyo ukuba ivulelekile ukuba ithethe naye nawuphi na umthelekisi otyala eliqumrhu elilawula amanqindi, kwilinge lokuqinisekisa ukuba zininzi iitumente ezenziwayo kwelilizwe. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php