Kuphunywe iphulo kukhangelwa abantu abanesakhono sokulawula ukuze kugcwaliswe ezona zikhundla zimbini ezibalukileyo neziphezulu kwii-ofisi zikaBoxing South Africa (BSA) eHatfield, ePitoli. 

Xa kubekelwa bucala idabi lasenkundleni likaMoffat Qithi elwela ukugxothwa kwakhe, uBSA akakhange abenengqonyela esisigxina kususela mhla uTsholofelo Lejaka washiya esisikhundla ngo-Agasti 2020. 

Emva koko, esisikhundla sabanjwa nguCindy Nkomo, owayengumqondisi wezemisebenzi kwaBSA, okwexeshana. UNkomo walahla kwesisikhundla ekupheleni kuka-2021, waze u-Erick Sithole, owayelilungu lebhodi kaBSA, waxhuzula imikhala yolawulo ngoJanyuwari 2022 kwade kwabangoDisemba kulonyaka ophelileyo. 

“Ibhodi yathabatha isigqibo sokokuba kukhutshwe iintengiso zezikhundla ezimbini, esengqonyela nesomgcini-nxili. Ezintengiso zizakubakho kuwo onke amaphephandaba kwazwelonke,” utshilo uSifiso Shongwe, ongusihlalo webhodi kaBSA.  

Kusenjalo, isikhewu kwisithuba somgcini-nxili kwaBSA savuleleka emva kokudutyulwa, koselwe uKenneth Mamosadi ngasekhayeni lakhe ePitoli ngoFebruwari kulonyaka. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php