Ongasekhoyo nobengomnye wabalawuli be-Orlando Pirates uStanley ‘Screamer’ Tshabalala, obhubhe emva kwemini ngoLwesine eneminyaka engamashumi asixhenxe anesihlanu, uzakubekwa kwikhaya lakhe lokulinda kuleveki ezayo.

UTshabalala, owayengumqeqeshi weBafana Bafana, ubhubhe ngenxa yomonzakalo emva kokudutyulwa zizijamankungwini ezaziphanga emzini wakhe ngoMatshi kulonyaka. 

Inkonzo yomngcwabo kaTshabalala izakubanjelwa eGrace Bible Church ePimville, eSoweto, ngentsimbi yethoba ngoLwesine kuleveki ezayo. 

UTshabalala, ongomnye wabasunguli beKaizer Chiefs, wakhe waqeqesha iMamelodi Sundowns, kwaye wayeyidlalisa into eyayibizwa ngokuba yiShoe Shine nePiano ngeminyaka yoo1980. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php