UThato ‘Captain Charisma’ Bonokoane waseKagiso, eKrugersdorp, kwiNtshona Randi uzakubuyela eNamibia emva kweenyanga ezintandathu waphulukana nomlo phaya.
UBonokoane, owayeyintshatsheli yeWorld Boxing Federation (WBF) kudidi lwejunior-featherweight, uzakulwa noMateus Heita kumlo weWorld Boxing Association (WBA) Pan-African kudidi losiba eWindhoek Country Club eNamibia ngoMgqibelo umhla weshumi elinesixhenxe ku-Agasti.
Izakuba kokokuqala uBonokoane etyelela eNamibia kususela mhla wanqunyanyisa kumjikelo wokuqala nguFillipus Nghitumbwa waseNamibia kumlo wentshinga yeWorld Boxing Organisation (WBO) Africa kudidi lwejunior-featherweight eWindhoek ngoDisemba kulonyaka ophelileyo.
Kusenjalo, uHeita oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu nowazalelwa e-Omafo, sele ezinze eWindhoek ngoku, kwaye uyiphumelele yolishumi elinanye imilo yakhe, wanqumamisa amadoda kwimilo esixhenxe.