Iqela elizinze kwiCape Winelands iStellenbosch FC iqinisekile kusasa ngoLwesibini ukuba ityikitye uLehlogonolo Bradley Mojela esuka kwiTS Galaxy.

UMojela ebekwiqela leBafana Bafana ebelidlala kwitumente yeCOSAFA Cup eGqeberha, eMpuma Koloni, kutsha nje.

“Sivuya kakhulu ukwazisa ukuba eliqela lityikitye umdlali weBafana Bafana uLehlogonolo Bradley Mojela ngokusisigxina, esuka kwiTS Galaxy,” sitshilo iStellies. 

UMojela, oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe, udlale isizini enye kuphela kwiiRockets emva kokutyikitywa evela kwiCasric Stars. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php