UJunto Nakatani unqumamise uVincent Astrolabio wasePhilippines kumjikelo wokuqala kumlo obubanjelwe eKokugikan, eTokyo, kwelaseJapan ngoMgqibelo. 

Lembethi-manqindi yaseJapan, eneminyaka engamashumi amabini anesithandathu, iyikhusele ngempumelelo intshinga yayo yeWorld Boxing Council (WBC) kudidi lwentambanani emva kokubetha u-Astrolabio ngenqindi lasekhohlo wathi vovololo phantsi. 

Ngoku uNakatani uyiphumelele yonke imilo yakhe engamashumi amabini anesibhozo, enqumamise amadoda angamashumi amabani ananye, logama u-Astrolabio, oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe, ephumelele imilo elishumi elinethoba, enqumamise amadoda alishumi elinesine, ebethwe kwimilo emihlanu.

Kusenjalo, imbethi-manqindi yaseJapan nengekabethwa uTenshin Nasukawa uphumelele umlo wakhe wesine ngethuba enqumamisa ummi waseMelika, oyinzalelwane yasePuerto Rico uJonathan Rodriguez kumjikelo wesithathu.  

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php