Emva kokulwa ngokulingana nokubethwa kanye kwimilo yakhe emibini yokugqibela, u-Asemahle ‘Predator’ Wellem ufumana ithuba lokuzibonakalisa kwakhona xa esilwa noSnamiso Ntuli eWild Coast Sun, eMzamba, eBizana ngoLwesihlanu umhla wamashumi amathathu ku-Agasti. 

UWellem waseChintsa, eMpuma Koloni, uzakukhusela intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi lwesuper-middleweight okokuqala ukususela ukuba wayihlutha kowayeyinjinga uCowin Ray ngo-Okthobha 2022. 

Kwelinye icala, sisihlandlo sesibini uNtuli ecela umngeni kwintshinga yoMzantsi Afrika. Laphanza ilinge lakhe ngethuba ebethwa yintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwemiddleweight uJohn Bopape eDlamini, eSoweto, kwiminyaka emibini egqithileyo. 

“Ayithatyathwa nje intshinga, iyalwelwa. USnamiso uzakugxila kwintshinga yaKwaZulu-Natal emva kwalomlo. Ndizakuwuphumelela lomlo,” utshilo uWellem.

UWellem walwa ngokulingana noSelemani Kidunda waseTanzania ngoMatshi, waze wabethwa yimbethi-manqindi yaseRussia uDenis Savitsky eRussia kwiinyanga ezimbini ezigqithileyo. 

Kusenjalo, uNtuli uya kulomlo noWellem emva kokunqumamisa u-Andile Mntungwa kumjikelo wesihlanu kumlo wentshinga yaKwaZulu-Natal kudidi lwesuper-middleweight ngoMatshi kulonyaka. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php