Owayesakuqeqesha AmaZulu neMarumo Gallants uRomain Folz waseFrance uqinisekiswe njengosekela-mqeqeshi weMamelodi Sundowns ngokuhlwa ngoMvulo.

UFolz, osele emaxhaphetshu kwinkampu yeeBrazilians e-Austria apho eliqela lilungiselela isizini ezayo khona, uzakusebenza noManqoba Mngqithi, uSteve Komphela, uWendell Robinson noKennedy Mweene kwisigqeba sabaqeqeshi beSundowns.

Lomqeqeshi oneminyaka engamashumi amathathu anesine wazibandakanya neHoroya yaseGuinea emva kokushiga kwakhe kUsuthu. Kwaye ebesebenza kwiFIFA njengomlawuli wendlrla ekudlalwa ngayo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php