Kukho ukubhideka nokungacaci malunga nokokuba injinga yamhlamnene uNkosinathi ‘Mabhere’ Joyi uzakubuyela eTanzania, ayokulwa khona no-Ibrahim Class Mgender, oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu, kusini na.
Ngokweengxelo eziphuma eTanzania, lentshatsheli yamhlamnene kwi-International Boxing Organisation (IBO) ne-International Boxing Federation (IBF) kudidi lweminimumweight, izakulwa noClass kumlo onemijikelo esibhozo kudidi lwejunior-lightweight kuleCawa esiya kuyo.
Kodwa inkampu kaJoyi iqinisekisile ukuba akazokulwa kuletumente ezakubanjelwa eDesire Hall eGeita neyenziwa yiLady In Red Promotions kaSophia Mwakagenda.
“Bebemfunile uMabhere ukuba ayokulwa phaya, kodwa akakhange avume,” utshilo omnye okwinkampu kaJoyi nongafunanga ukuba igama lakhe livezwe.
Kwiinyanga ezimbini ezigqithileyo, elinxele laseMdantsane, elineminyaka engamashumi amane ananye, lanqunyanyiswa kumjikelo wesithathu yimbethi-manqindi yaseTanzania nengekabethwa ngu-Abeid Kessy Kasongo, owaziwa ngegama elingu-Abeid Zugo.
Ngaphambi kokulwa noZugo, uJoyi wayegqibele ukulwa no-Ayanda Ndulani kumlo wentshinga ye-IBO kudidi lweminimumweight e-International Convention Centre (ICC), eMonti, ngoMeyi 2021.