Abatshakazi kwiPremiership iMagesi FC ibhengezile emva kwemini ngoLwesihlanu ukuba ityumbe uPapi Zothwane njengomnye wabasekela umqeqeshi kweliqela. 

UZothwane, owayedlala esiswini kwiLamontville Golden Arrows, iMamelodi Sundowns neBloemfontein Celtic, uzimanye neqela labaqeqeshi elikhokelwa ngumqeqeshi oyintloko uClinton Larsen nesekela lakhe uJacky Ledwaba. 

Kusenjalo, iDikwena tsa Meetse iphinde yabhengeza ukuba ityikitye abadlali abalishumi elinambini ukuqinisa eliqela ngaphambi kokuqala kwesizini entsha.

UKgaogelo Sekgotha, uLebogang Mabotja, uGift Motupa, uMenzi Ndwandwe, uLimbikani Mzava, uSello Motsepe, uBongani Mpandle, uJacob Everson, uTshepo Kakora, uMaloisane Mokhele noDelano Abrahams bonke bazimanye neliqela elitsha kwiPremiership nanjengokuba loluliwe ixesha lemboleko likaWonderboy Makhubu. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php