Umonzakalo wasengalweni unyanzelise uLuvuyo Sizani waseLinge kuKomani ukuba arhoxe kumlo wakhe noVuyani Kosana, obuzakubanjelwa e-Orient Theatre, eMonti, kulenyanga ezayo. 

USizani, oyintshatsheli ye-African Boxing Union (ABU), ebezakulwa noKosana waseFreystata kumlo wentshinga yoMzantsi Afrika engenamntu kudidi lwelight-heavyweight ngeCawa umhla wamashumi amabini anesihlanu ku-Agasti.  

“USizani akasalwi ngenxa yokonzakala. Uye watyibilika, waze wabambelela ngesandla phantsi. Ngethamsanqa akophukanga,” udize watsho uBaba ‘Babes’ Makala, ongumqeqeshi kaSizani. 

USizani ebezakulwa kwitumente enye apho injinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba uZolisa Batyi azakukhusela khona intshinga yakhe kuYamkela Phaliso. Lomlo kaSizani ubekelwe uNovemba ngoku. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php