ULerato ‘Lights Out’ Dlamini neqela labaqeqeshi bakhe bazakunikela uMzantsi Afrika umva besingise eJapan ngoLwesine umhla weshumi elinesihlanu – kwiintsuku ezilithoba ngaphambi komlo wakhe nembethi-manqindi yaseJapan uTomoki Kameda.
UDlamini uzakulwa noKameda kumlo wokuzibekela indawo kwintshinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi losiba eYamato Arena, e-Osaka.
“Sizakunduluka ngomhla weshumi elinesihlanu kulenyanga. Izakube indim, nguLerato, uBernie Pailman noHayden Jones,” utshilo umlawuli nomqeqeshi kaDlamini uColin ‘Nomakanjani’ Nathan.
Lo ngumlo oyimpinda njengokuba uDlamini, oneminyaka engamashumi amathathu, wabetha uTomoki ngamanqaku e-Ota-City General Gymnasium eTokyo ngo-Okthobha kulonyaka ophelileyo.
UDlamini, oyinzalelwane yaseWelkom, eFreystata, ukwindawo yesibini yi-IBF, logama uKameda, oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu, ekwindawo yesithathu. – Monwabisi Jimlongo