Kuzakufuneka bakhe balinde ithutyana abalandeli bamanqindi ukuba bafuna ukubona umlo phakathi kwentshatsheli yoMzantsi Afrika uSiyakholwa Kuse noMalaki Sobolo, mlo lowo obekufanele ukuba ubungeCawa waphindwa wabekelwa iCawa ezayo.

UKuse waseMdantsane ebezakukhusela intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight okokuqala kususela mhla wayizuza emva kokubetha uBangile Nyangani kumlo owawuyimpinda e-International Convention Centre (ICC), eMonti, ngoJulayi kulonyaka ophelileyo.

I-Ink Sport ingakudiza ukuba letumente ayikazokubakho ngenxa yokokuba imali ayikhange ifakwe kwinxili kaBoxing South Africa (BSA). 

“Letumente iye yachithwa nguBoxing SA ngenxa yokungahlawulwa kwemali yeembethi-manqindi ngokwexesha eliqingqiweyo ngokwakumgaqo-nkqubo weetumente,” utshilo uMncedisi Ngqumba, obambeleyo kwisikhundla segosa lemisebenzi. 

Isolotya 5.6 kuxwebhu lomgaqo-nkqubo weetumente, olwatyikitywa ngowayengusihlalo webhodi kaBSA uGqirha Malefetsane Ngatane luthi umthelekisi kufanele afake imali kwiiveki ezimbini ngaphambi kwetumente yakhe.  

Kusenjalo, bekulindeleke ukuba owayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight uNhlanhla ‘Mount Kilimanjaro’ Tyirha abuyele eqongeni ngomlo noNdabezinhle Phiri waseZimbabwe kuletumente. 

UTyirha waseMdantsane akakalwi kususela mhla wothuswa nguGeorge Kandulo waseMalawi emnqumamisa kumjikelo wesibhozo ngoJulayi kulonyaka ophelileyo. – Monwabisi Jimlongo

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php