Nangona nje imbethi-manqindi yakhe igwetyelwe xa bekuphononingwa umlo wayo, umqeqeshi ozinze eKapa uZola Koti ubetha ngenqindi etafileni esithi u-Asavela Peter soze aphinde alwe noSandiso Centane ukuba uMzoli Tempi usengumlawuli kaBoxing South Africa (BSA) eNtshona Koloni. 

Ngokweziphumo zomlo wangoJuni, uPeter wabethwa nguCentane ngethuba besilwela intshinga yaseNtshona Koloni kudidi lweminimumweight. Kodwa lonto leyo ayizange imvuyise uKoti, waze wacela ukuba uBSA awuphonononge lomlo. 

Kwincwadi ayibhalele igosa lezemisebenzi elibambeleyo kwaBSA uMncedisi Ngqumba ngoLwesine, uKoti uthe: “Sonelisekile ziziphumo zophononongo. Sigqibe lwelokokuba singamxikixi u-Asavela Peter ukuze ahlale ludidi lweminimumweight. U-Asavela mkhulu koludidi lweminimumweight.” 

UKoti wongeze ngelithi: “Ndithanda ukuvakalisa uloyiko lwam ngo-Asavela Peter kumlo oyimpinda noSandiso ngelilixa uMnumzana uMzoli Tempi esengumlawuli wephondo laseNtshona Koloni. UMnumzana uMzoli Tempi wabhiyozela impumelelo kaSandiso Centane esidlangalaleni kumaqonga ezoluntu, logama isicelo sikuphonononga sasisele sifikile kuBoxing SA.”  

UKoti ukholelwa ukuba isenzo somlawuli wephondo sidale ingcamango yokokuba uTempi ukhethe icala likaCentane, nto ke leyo engenza ukuba uPeter angaphathwa kakuhle.

Kusenjalo, uTempi walile ukuphefumla ngethuba ekrwecwa yi-Ink Sport.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php