Inoxanduva olukhulu ikomiti yezimali kwaBoxing South Africa (BSA) njengokuba imeko yezimali zalomzi ifuna ingqwalasela emandla, ngokukhawuleza.

Kungekudala, ngoDisemba kulonyaka ophelileyo, yoma qoko inxili kaBSA, nto ke leyo eyabangela ukuba kuyokucelwa imali kwiSebe leZemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko ukuze lomzi ukwazi ukuhlawula imivuzo yabasebenzi phakathi kukaJanyuwari noMatshi kulonyaka. 

“Ingumcelimngeni imeko yezimali esifikele kuyo. Sisembindini wetonela. Itonela elimnyama. Kodwa ke sizakuphumelela ngenxa yomonde xa sineziseko ezizizo kunye nokungaqhwanyazi,” utshilo uLuxolo September, olilungu lebhodi kaBSA nokwangusihlalo wekomiti yezimali kulomzi.  

“Sinemicelimingeni emikhulu. Ndicinga ukuba ngamanye amaxesha asiwuqondi umonakalo owenzeke emanqindini nakwizimali zalombutho kuleminyaka embalwa egqithileyo. Kufuneka sibhinqe omfutshane, kodwa kunjalo kuzakufuneka sithi qwa, sivule amehlo. Kufuneka siyiguqule indlela ehanjwa sesisikhephe.”

Njengokuba bekwibhodi kaBSA ukususela ukubekwa kwabo ngowayengumphathiswa weZemidlalo uZizi Kodwa ngoMeyi, uSeptember udize ukuba sele uqalile umsebenzi wokuzisa uzinzo kwaBSA. 

“Ndicinga ukuba mninzi umsebenzi omhle ibhodi esele iwenzile ngaphantsi kobunkokheli bukaSifiso (Shongwe). Ndicinga ukuba asimanga, siyaqhuba. Sinemicelimingeni enzima,” utshilo uSeptember, oligosa eliphezulu lorhwebo namalungelo kamabonakude kwiConfederation of African Football (CAF). 

“Eliyinene lelokokuba siyibhodi ngoku, kwaye sifike samkela okuhle nokubi. Ndicinga ukuba sizakuyizinzisa imeko yezimali kwaBSA. Ndiqinisekile ngalonto. Kulebhodi sinabantu abasebatsha nabasemandleni. Sinabantu abahle nabasezingqondweni.” 

UBSA uyakwazi ukusebenza ngenxa yokuncedwa zizigidi eziphuthaphutha amashumi amabini ezisuka kwiSebe leZemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php