Into yokokuba imbethi-manqindi yase-Argentina uJunior Leandre Zarate eyindoda enamava xa ethelekiswa nentshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight uMpumelelo Tshabalala asiyongxaki.  

Le yinto ethethwe ngomnye wamakhankatha kaTshabalala, uPatrick Malinga, njengokuba lembethi-manqindi ezinze eKatlehong, Ekurhuleni, ilungiselela ukulwela intshinga engenamntu kwi-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwejunior-flyweight xa iqubisana noZarate eVodaworld, eMidrand, ngoMgqibelo umhla wamashumi amathathu ananye ku-Agasti. 

“Asazi nto engako ngaye. Kodwa lonto ayithethi ukuba siyamoyika. Siyayazi uiuba wakge walwa kwimidlalo ye-Olimpiki, kwaye ubekwa phezulu ehlabathini. Sisebenza nzima ukuqinisekisa ukuba sizakube silungele ukuphumelela ngomhla womlo,” utshilo uMalinga. 

UTshabalala uzakube esilwa okokuqala kususela mhla wabetha uJesse Espinosa wssePhilippines e-Orlando East, eSoweto, ngo-Agasti kulonyala ophelileyo.  

Ukanti, uZarate ubethe uGabriel Mendoza waseColomia kumlo we-International Boxing Federation (IBF) Latino noweWorld Boxing Council (WBC) Latino kudidi lwejunior-flyweight ngoFebruwari kulonyaka. 

UZarate, oneminyaka engamashumi amathathu anesine, wayeyinjinga kudidi lwejunior-flyweight nolwempukane kwelase-Argentina, kwaye uyiphumelele yolishumi imilo yakhe yokugqibela. Wagqibela ukubethwa ngethuba ephulukana nomlo, ebathwa nguLeandro Jose Blanc ngoSeptember 2021.

Kusenjalo, uTshabalala uphumelele imilo elishumi, enqumamise amadoda amahlanu, wabethwa kumlo omnye, logama uZarate ephumelele izihlandlo ezingamashumi amabini anesine, enqumamise amadoda alithoba, wabethwa kwimilo emine. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php