Imbethi-manqindi ebetha ngamandla uSiyakholwa Kuse ufumene usuku olutsha azakukhusela ngalo intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight kumlo noMalaki Sobolo waseDuncan Village.

Ekuqaleni, lomlo wawubekelwe umhla wesine ku-Agasti ngaphambi kokuba utshintshwe ngeentsuku ezisixhenxe njengokuba ngoku sele ubekelwe iCawa yomhla wamashumi amabini anesihlanu ku-Agasti e-Orient Theatre, eMonti. 

UKuse waseMdantsane waphinda wayiphumelela lentshinga emva kokubetha inzalelwane yaseMthatha kumlo owawuyimpinda e-International Convention Centre (ICC), eMonti, ngoJulayi kulonyaka ophelileyo. 

Kusenjalo, uNhlanhla ‘Mount Kilimanjaro’ Tyirha, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight, uzakubuyela eqongeni kumlo noNdabezinhle Phiri waseZimbabwe kuletumente enye.  

UTyirha waseMdantsane akakalwi kususela mhla wothuswa nguGeorge Kandulo waseMalawi emnqumamisa kumjikelo wesibhozo ngoJulayi kulonyaka ophelileyo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php