Emva kokubethwa kwimilo yakhe emithathu yokugqibela, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika uSibusiso Zingange uphiwe elinye ithuba kwakhona njengokuba ezakulwa noMarcus Lebogo kulenyanga ezayo. 

UZingange, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-lightweight, ulwa noLebogo, owakhe wacela umngeni kwintshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight, ePortuguese Hall, eTurffontein, eRhawutini ngeCawa umhla weshumi elinesihlanu kuSeptemba. 

UZingange ayisenguye kususela mhla wabetha uPhila Mpontshane, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-lightweight, ngoFebruary 2022.

Emva kokulwa kakuhle kakhulu ebetha uMpontshane, uZingange waye wabethwa nguLunga Sitemela, yinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-lightweight u-Asanda Gingqi noGift Bholo.

Okunikisa umdla ke ngoku kukuba bobabini uZingange noLebogo bakhe babethwa nguPrince Dlomo, owakhe wayintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight.

Kusenjalo, uLucky Monyebane waseMntla Ntshona uzakulwa noSifiso Hlungwane waseGauteng kumlo wemijikelo esibhozo kudidi lwejunior-lightweight.

Eminye imilo: 

Imijikelo Emithandathu: 

Junior-middleweight: 

Jonas Senga v Siphiwe Mbhele 

Junior-featherweight: 

Saul Hlungwane v Asiphe Ntshili 

Light-heavyweight:

Keagan Mills v Lewis Bukasa

Imijikelo Emine:

Lightweight:  

Chris Golding v Skhumbuzo Phetela

Super-middleweight: 

Martin Maswanganyi v Bola Nzenseka 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php