Ngelingeni umdlali wasesiwini kwiBafana Bafana uTeboho Mokoena ude wasolula isivumelwano sengqesho neentshatsheli iMamelodi Sundowns, litshilo eliqela emva kwemini ngoMgqibelo.

Zitsale ixesha elide iingxoxo phakathi kweeBrazilians nababemele uMokoena ngaphambi kokufikelela kwisivumelwano sokokuba lomdlali uyahlala kwiSundowns kude kube ngu-2029. 

“Sinovuyo ukuqinisekisa ukuba umdlali wasesiswini uTeboho Mokoena utyikitye ukolulwa kwesivumelwano sengqesho kude kube ngu-2029,” itshilo iSundowns.  

Lenzalelwane yaseBethlehem, eneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe, yafika kwizangxa zaseTshwane isuka kwiSuperSport United ngoJanyuwari 2022. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php