IKwaZulu-Natal izakuphinda isingathe itumente yokuqala yeRise of Women in Boxing Series xa iSugarboy Boxing Promotions kaNomfundo Malinga isenza itumente eMnambithi ngoLwesihlanu umhla wamashumi amathathu ku-Agasti.

Oku kuqinisekiswe lilungu lebhodi kaBoxing South Africa (BSA) nokwangusihlalo wekomiti yeWomen in Boxing uNande Mheshe. 

Ekuqaleni, bekucetywe ukuba iNtshona Koloni ibeyiyo eyenza itumente yokuqala. Kodwa ke, kuye kwafunyaniswa ukuba iNtshona Koloni ayikakulungeli ukusingatha itumente ekumila kunje, nto ke leyo enike iKZN ithuba lokusingatha letumente. Umthelekisi olinina waseNtshona Koloni uYolanda Landore akakenzi netumente enye. 

“Itumente yokuqala izakubaseMnambithi, KwaZulu-Natal, ngomhla wamashumi amathathu ku-Agasti. Bekufanele ukuba iqala eNtshona Koloni, kodwa iNtshona Koloni ayikalungi kuba umthelekisi olinina akakenzi netumente enye. Usemtsha kwimicimbi yokwenza iitumente,” utshilo uMheshe.

Ngamaphondo amabini – iFreystata neNtshona Koloni angazange abenazo iitumente zeRise of Women in Boxing Series kunyaka-mali ka-2023/24. 

Kusenjalo, letumente izakulandelwa lucweyo eMnambithi ngosuku olulandelayo apho kuzakushukuxwa khona imiba eyelelene nezempilo ngokwasengqondweni kunye nemiba engqamene nendlela yokudla. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php