Abasetyhini abathathu baseMzantsi Afrika abangabagwebi emanqindini – uNamhla Tyuluba, uThando Xamlashe noDuduzile Dlamini bantingele eKampala, kwelase-Uganda ukuyokuba yinxalenye yengqungquthela ye-African Boxing Union (ABU). 

Lengqungquthela izakubanjelwa e-Africana Hotel, eKampala, ukususela ngeCawa umhla weshumi elinesibhozo kude kube ngoLwesihlanu kuleveki ezayo.  

UTyuluba ungoyena onamava kwesisithathu njengokuba esebenze njengomgwebi kwimilo elikhulu elinamashumi amane, waba ngusompempe kwimilo engamashumi amahlanu anethoba ukususela ngoJuni 2015. 

Njengembethi-manqindi ebikudidi lwabangahlawulwayo, uTyuluba wayeqeqeshwa ngongasekhoyo nowayengumqeqeshi, umlawuli kunye nomthelekisi uMzimasi Mnguni eMdantsane. 

UXamlashe, kwelinye icala, ulandela emanyathelweni kayise ongasekhoyo uSazi Xamlashe, owayengumgwebi nosompempe owayephume izandla nowalala ubuthongo bokufa ngoJanyuwari 2022. UXamlashe usebenze kwimilo engamashumi amathandathu anesibini ukususela ngoJuni 2022. 

Kusenjalo, uDlamini usemtsha kwimicimbi yokuba ngumgwebi njengokuba enemilo engamashumi amabini ananye emva kokuqala ngoJulayi kulonyaka ophelileyo. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php