Kusele nje iveki ngaphambi komlo oyimpinda nommi waseJapan uTomoki Kameda, uLerato ‘Lights Out’ Dlamini waseWelkom, eFreystata, uyazinza eJapan emva kokunikela umva uMzantsi Afrika ngoLwesine.

UDlamini uzakulwa noKameda kumlo wokuzibekela indawo kwintshinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi losiba eYamato Arena eSuita, e-Osaka, ngoMgqibelo kuleveki ezayo.

“Siziqeqeshe okokuqala izolo (ngoLwesihlanu). Kushushu kakhulu apha, kodwa sizinza kakuhle,” utshilo uColin ‘Nomakanjani’ Nathan, ongumqeqeshi nomlawuli kaDlamini. 

Sisihlandlo sesibini ezimbethi-manqindi zimbini zisilwa kwisithuba esingaphantsi konyaka. UDlamini walwa kakuhle kakhulu, wabetha uKameda ngamanqaku kumlo wabo wokuqala. 

Kusenjalo, iBoxing 5 Promotions neDAZN zifumene amalungelo okubonisa lomlo kwilizwekazi i-Afrika. 

“Ngokucacileyo, linqaku eli kwiBoxing 5, ukuntingela phezulu kwixeshana nje elifutshane. Sinelungelo elilodwa njengokuba bezakubonisa omnye umlo wethu kwakhona ngaphandle kwelizwe lethu. Lento iyazikhuthaza iimbethi-manqindi zoMzantsi Afrika. Libelikhulu kakhulu igalelo likagxa wam uColin Nathan,” itshilo ingqonyela yeBoxing 5 uLarry Wainstein. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php