Owayeyimbethi-manqindi eyayisilwa kudidi lwejunior-welterweight nebiwathanda kakhulu amanqindi uPhumzile ‘Gamala’ Dubase waseMdantsane usweleke ngentsasa yangeCawa emva kwedabi nomhlaza. Ebeneminyaka engamashumi amahlanu anesithandathu.  

UDubase waqalisa ukulwa kudidi lwabahlawulwayo ngo-1986, apho wagqiba iminyaka esibhozo njengembethi-manqindi ehlawulwayo. Waphumelela imilo elithoba, enqumamise amadoda amahlanu, wabethwa kwelishumi, waze walwa ngokulingana kwimilo emibini. 

“Ubhuti wam usweleke ngentseni namhlanje (ngeCawa) emva kwedabi leminyaka emibini esilwa nesifo somhlaza. Ubengumntu omane egula, aphinde abengcono,” utshilo uPhumlani Dubase, ubengumninawa kaDubase. 

Emva kokulahla njengembethi-manqindi ehlawulwayo, uDubase uye wasebenzela iSebe leZempilo njengegosa loncedo olukhawulezileyo. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php