Kumlo ozakwahlula uluntu lwamanqindi eMonti kwakhona, uMalaki Sobolo waseDuncan Village ufunge wamunca iintupha esithi lifikelele esiphelweni ixesha likaSiyakholwa Kuse njengentshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight.

USobolo ucela umngeni kuKuse waseMdantsane kwitumente eziswa lilima phakathi kweKay B Promotions neLast Born Boxing Promotions e-Orient Theatre, eMonti, kuleCawa ezayo. 

UKuse uzakube elinga ukuyikhusela ngempumelelo okokuqala lentshinga awaphinda wayibamba ngethuba ebetha uBangile Nyangani e-International Convention Centre (ICC), eMonti, ngoJulayi kulonyaka ophelileyo. 

“Ndiya phaya ndiyokuthabatha lantshinga imke kuKuse. Akukho nto ingako kuKuse. Akandoyikisi mna. Zibaliwe iintsuku zakhe njengentshatsheli,” utshilo uSobolo. 

USobolo, oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo noqeqeshwa nguPhila Mzamo, uya kumlo noKuse emva kokubetha uPhumlani Maloni ngamanqaku ngo-Okthobha. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php