IKaizer Chiefs iqinisekisile emva kwemini ngoLwesithathu ukuba ityikitye umdlali wase-Angola u-Inacio Miguel Ferreira dos Santos esuka kwiPetro de Luanda.

Lomdlali wasemva, oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo noyinzalelwane yasePortugal, utyikitye isivumelwano seminyaka emithathu. 

“Siyavuya ukuba nomdlali okwinqanaba lika-Inacio Miguel. Simbukele, kwaye sikholelwa ukuba amava akhe, isakhono sakhe nokuwuthanda kwakhe umdlalo kubonakalisa umoya weKaizer Chiefs. Kwaye uzakongeza uthotho lwezinti ezintle kweliqela,” utshilo umqondisi weChiefs uKaizer Motaung Junior. 

“Sikholelwa ukuba uzakuba negalelo elimandla ngenxa yesiphiwo sakhe, kwaye sikujonge ngamehlo abomvu ukusebenzisana naye njengokuba ezakubhala esinye isahluko eMzantsi Afrika.”

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php