Sele kuveze imibuzo ukuqeshwa kukaLuthando ‘Trompies’ Zibeko njengesithethi sikaBoxing South Africa (BSA) kwiveki ephelileyo. 

Abantu abazibiza ngokuba ngabathandi bamanqindi babhalele kwiSebe leZemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko ebutsheni baleveki, becela ukuba kuphandwe indlela aqeshwe ngayo uZibeko. 

Eliqela labantu elizinze eMonti liphinde lathi uZibeko uqeshwe kwaBSA ngenxa ‘yokusondelelana’ nelungu lebhodi uLuxolo September, ozinze eYiphutha apho aligosa eliphezulu kwiConfederation of African Football (CAF). 

Incwadi ebhalelwe uBakang Lethoko, oligosa eliphezulu kwiSebe leZemidlalo, ithi: “Thina njengabalandeli bamanqindi sive ukuba uBSA uqeshe uMnumzana Luthando Zibeko njengesithethi sakhe. Ngokokwazi kwethu lenqeberhu ngumntu webhola ekhatywayo ngokupheleleyo, akazange abeyinxalenye yamanqindi. 

“Kodwa ke ayisiso kuphela isizathu sokukhathazeka kwethu. Ingxaki yethu kukuba ngowaseTsomo nanjengokuba ilungu lebhodi kaBSA uMnumzana Lux September naye esuka apho. Lonto ke ibangela ukuba sikrokre kuba kubonakala ngathi kuqeshwana ngobuhlobo. Ngoko ke, sicela isebe liphande indlela aqeshwe ngayo.” 

Ethetha emva kokutsalelwa unnxeba yi-Ink Sport, uSeptember uthe: “Ndiyaxolisa andikwazi ukuyiphendula lento. Mna ndikwibhodi, andingomlawuli. Ndinanto yakwenza nantoni na nokuqeshwa kwamagosa asebenza e-ofisini? Mna ndisuka eNgqamakwe, logama uLuthando engowaseTsomo.”

Kusenjalo, uZibeko ukhe wasebenza njengesithethi seChippa United kunye neKaizer Chiefs. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php