Ongasekhoyo nowayeyimbethi-manqindi kudidi lwabahlawulwayo uPhumzile ‘Gamala’ Dubase, olele ubuthongo bokufa ngentseni yangeCawa, uzakubekwa kwikhaya lokulinda ngoMgqibelo umhla wamashumi amathathu ananye ku-Agasti.

Ezinkcukacha malunga nosuku lomngcwabo kaDubase zidizwe nguPhumlani Dubase, obengumninawa kamfi.

UDubase, owayeyimbethi-manqindi eyayisilwa kudidi lwejunior-welterweight, wayengulamndeli omkhulu wamanqindi nesisele senyathi, usutywe kukufa emva kokoyiswa lidabi nomhlaza. Ebeneminyaka engamashumi amahlanu anesithandathu.

“Usapho lugqibe kwelokokuba umngcwabo ubanjwe ngoMgqibelo umhla wamashumi amathathu ananye ku-Agasti,” uqinisekise watsho uPhumlani Dubase, nophinde waveza ukuba inkonzo yesikhumbuzo ingoLwesine kuleveki ezayo. 

Umfi waqala ukulwa kudidi lwabahlawulwayo ngo-1986 de wawayeka amanqindi emva kweminyaka esibhozo. UDubase waphumelela imilo elithoba, enqumamisa amadoda amahlanu, wabethwa kwelishumi, waze walwa ngokulinganayo kwimilo emibini.  

Emva kokuyeka kwakhe ukulwa ngo-1994, uDubase wagxila ekusebenzeleni iSebe leZempilo njengegosa loncedo lokuqala.  

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php