UColin ‘Nomakanjani’ Nathan uvakalise ukuba unebhongo neqhayiya ngembethi-manqindi yakhe uLerato ‘Lights Out’ Dlamini, kwaye uzakuphinda ambuyisele edabini emva kokubethwa nguTomoki Kameda waseJapan kwelaseJapan ngoMgqibelo.

UKameda uwuphumelele ngamanqaku lomlo wokuzibekela indawo kwintshinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudifi losiba obubanjelwe e-Ariake Arena, e-Osaka, eJapan. Abagwebi ababini banike uKameda lomlo, logama omnye ethe uDlamini uphumelele. 

“Sibethwe ngamanqaku. Ukuwa kwethu kusibethile. Usompempe ebelihlazo. Ngesilwe ngokulingana ukuba ebengakhange asitsalele inqaku. Kodwa ke ndinebhongo neqhayiya ngendlela alwe ngayo uDlamini. Ubonakalise isibindi. Ndizakuphinda ndimbuyisele edabini,” utshilo uNathan.

Okunikisa umdla kukuba uDlamini waseWelkom eFreystata wabetha uKameda ngamanqaku eTokyo ngo-Okthobha kulonyaka ophelileyo. Abagwebi ababini banika uDlamini, waze omnye wawunika uKameda. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php