Kukho amathandabuzo ngomlo wentshatsheli yoMzantsi Afrika uKhaya Busakwe kunye noGabriel Coffie waseGhana kwintshinga engenamntu yeWorld Boxing Association (WBA) Pab-African kudidi lwelightweight.

Oku kuza emva kokuba umlawuli kaSinethemba Blom uLonki Witbooi ebhalele uBoxing South Africa (BSA) ecela ukuba kunyanzelwe uBusakwe ukuba akhusele intshinga yoMzantsi Afrika kwimbethi-manqindi yakhe.

UWitbooi wafaka incwadi ecela umngeni kwintshinga kaBusakwe ngoJuni. Ngelishwa uWitbooi akazange akwazi ukuncuma kuba kubonakele ngathi inkampu kaBusakwe ayisinanzanga isicelo sikaBlom. Emva kokubona uxwebhu oluthi uBusakwe uzakulwa noCoffie, uWitbooi ubhalele uBSA ecela ukuba angenelele.

“Sithanda ukuncoma nokuvuma incwadi yakho oyithumele kuBoxing SA malunga nentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwelightweight. Ikomiti iwuphononongile lomcimbi, kwaye ivumelana nawe ngokwesolotya 17.3 lemithetho nemimiselo,” itshilo incwadi ebhalwe nguGqirha Luvuyo Bayeni, ongusihlalo wekomiti evuma nekhaba imilo. 

“Ngoko ke, sele sinxibelelene nenkampu kaBusakwe, simkhumbuza ngoxanduva lwakhe, kwaye simnike ukuba akhethe phakathi kwezinto ezimbini, aphulukane nentshinga yakhe okanye ayikhusele ngaphambi kokulwela intshinga yeWBA. Siphinde sanxibelelana nomthelekisi wakhe, samnika ithuba lokubandakanya umlo wentshinga yoMzantsi Afrika kwitumente yakhe ezayo ngomhla weshumi elinesine kuSeptemba ukuba intshatsheli iyavuma kwaye iyafumaneka.” 

Ikomiti evuma nekhaba imilo inike uBusakwe waseCentral Western Jabavu, eSoweto, kude kubelicala emva kwentsimbi yesine ngoLwesibini ukuba amkele okanye azityeshele iingcebiso zayo. 

Kusenjalo, uBlom ukwindawo yesibini emva koKaine Fourie, ongenawo umnqweno wokulwela intshinga yoMzantsi Afrika, kuluhlu lodidi lwelightweight.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php