Bangaphaya kwamashumi amane abafake izicelo zomsebenzi kuzo zombini izikhundla zokuba yingqonyela kunye nokuba ligosa elijongene nenxili kaBoxing South Africa (BSA). 

Ezindaba zakutsha nje ziye zangqinwa ngusihlalo webhodi kaBSA uSifiso Shongwe ngethuba enodliwanondlebe ne-Ink Sport.

“Kuzo zombini ezizikhundla, umhla wokuvala ibongowamashumi amabini anesithandathu kuJulayi. Uluhlu lwabantu abafake izicelo ludluliselwe kwisebe. Ngoku sixakeke kukujonga ukufaneleka kwabafake izicelo ukuze bazokuba ngabagqatswa,” utshilo uShongwe.

“Emva kokuba sele silwenzile uluhlu lwabagqatswa, sizakunxibelelana nabo bonke abagqatswa ukuze bazokuza kudliwanondlebe. Sinethemba lokokuba uBoxing South Africa uzakube sele eqeshile ngomhla wokuqala ku-Okthobha. Ngokwakwizicelo ezifumanekileyo, sifumene ezingamashumi anesibini kwisikhundla sokuba yingqonyela, nezilishumi elinethoba kwisikhundla sokuba ligosa eligcina inxili kaBSA.”

ISebe leZemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko limenyiwe ukuba lithumele umntu ozakulimela xa kusenziwa udliwanondlebe lwezizikhundla ezimbini.

UBSA akakabinayo ingqonyela esisigxina kususela mhla uTsholofelo Lejaka wasilahlayo esisikhundla ngo-Agasti 2020. UCindy Nkomo wabalibambela ngqonyela ukususela ngo-Agasti 2020 de wemka kwaBSA ekupheleni kukaDisemba 2021.

Owayeyilungu lebhodi kaBSA u-Erick Nsikayezwe Sithole wabamba njengengqonyela ukususela ngoJanyuwari 2022 kwade kwabangoDisemba kulonyaka ophelileyo. Ngoku nguMandla Ntlanganiso, oligosa lezemisebenzi, osambeleyo njengengqonyela.  

Ukanti, isikhundla segosa elijongene nenxili kaBSA savuleka emva kokudutyulwa, koselwe owayesibambile uKenneth Mamosadi ekhayeni lakhe ePitoli ebutsheni balonyaka. – Monwabisi Jimlongo

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php