IChippa United ivakalisile ngoLwesine kusasa ukuba unozinti weqela lesizwe laseNigeria uStanley Nwabali ulolule ixesha lokuhlala kwakhe kweliqela laseMpuma Koloni.

UNwabali akatyikityanga sivumelwano seminyaka emithathu kuphela, koko uye watyunjwa njengokapteni weeChilli Boys. 

“Siyavuya ukubhengeza ukuba uStanley Nwabali utyikitye isivumelwano seminyaka emithathu neChippa United FC,” zitshilo iiChilli Boys.

“Sizingca kakhulu ngokuzinikela kukaStanley kwiqela lethu. Ubunkokheli bakhe ebaleni nangaphandle kwebala bubengumzekelo, kwaye sikholelwa ukuba ngoyena mntu ofanelekileyo ekukhokeleni iqela lethu kwimicelimngeni ezayo. Kuthethwe konke oko, uStanley uzakubangukapteni wethu kulesizini esiya kuyo.” 

Ukanti, iiChilli Boys ziphinde zabhengeza ukuba umdlali wasemva kwicala lasekhohlo uGadinkame Modise utyikitywe ngokusigxina esuka kwiMamelodi Sundowns. 

Lenzalelwane yaseMahikeng, ebidlala kwiiChilli Boys ngokwemboleko kwisizini ephelileyo, ityikitye isivumelwano seminyaka emithathu neliqela laseGqeberha. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php