Iphindile kwakhona injuze ephume izandla uBayanda Walaza njengokuba ephumelele imbasa yegolide kwiimitha ezingamakhulu amabini kwiWorld Athletics Under-20 Championships eLima kwelasePeru ngentseni yangoMgqibelo, ngokwexesha loMzantsi Afrika.
UWalaza, obesele ephumelele imbasa yegolide kwiimitha ezilikhulu, uphumelele ngemizuzwana engamashumi amabini neqhezu elingamashumi amahlanu anesibini, eshiya uGout Gout wase-Australia, ongene kwindawo yesibini ngemizuzwana engamashumi amabini aneqhezu elingamashumi amathandathu, logama uJake Odey-Jordan waseGreat Britain ephumelele imbasa yobhedu ngemizuzwana engamashumi amabini aneqhezu elingamashumi asibhozo ananye.
Lenzalelwane yaseSterkspruit, eMpuma Koloni, neneminyaka elishumi elinesibhozo, ingumfundi wesikolo samabanga aphakamileyo iCurro Hazeldean, kwaye yaphumelela imbasa yesilivere kwimidlalo ye-Olimpiki.