Njengokuba ebekhe wabonwa njengeyona nto intle ezakwenzeka kumanqindi aseMzantsi Afrika, uLwando Mgabi usakholelwa ukuba kuninzi asezakwenza emanqindini eli logama elungiselela umlo wentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight kunye noSihle Jelwana ekuthambekeni kwalenyanga. 

Lomlo ekulwa kuwo iinzalelwane zaseMpuma Koloni uzakuziswa yiJackie Brice Boxing Promotions (JBBP) kaJackie Brice eCape Town International Convention Centre ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesixhenxe kuSeptemba. 

“Ndivuya kakhulu. Kudala ndifuna ukulwela intshinga yoMzantsi Afrika. Ndandifuna ukufana no-Azinga (Fuzile), owalwela intshinga yoMzantsi Afrika kumlo wakhe wesihlanu,” utshilo uMgabi.

Lenzalelwane yaseDuncan Village yongeze ngelithi: “UJelwana uyayazi ukuba uzokubethwa apha. Soze awuphumelele lomlo.”

UJelwana, owazalelwa kuKomani eMpuma Koloni, uzakube esenza ilinge lesibini lokuphumelela intshinga yoMzantsi Afrika njengokuba wabethwa nguJackson Chauke besilwela intshinga yodidi lwempukane ngoJulayi 2019. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php