Umthelekisi wamanqindi ozinze eMpuma Koloni uMzi Booi weKay B Promotions ukhetha ukugxila kuphuhliso endaweni yokubeka ingqondo yakhe kwiingxaki ezambethe amanqindi.  

Ngokwangoku, uBooi, ongumafik’izolo ekuthelekiseni, sele enze iitumente ezimbini nebeziyimpumelelo kulonyaka, kwaye ngoku ulungiselela eyesithathu.

Kulandela isigqibo soMphathiswa weZemidlalo uGayton McKenzie sokubhangisa ibhodi kaBoxing South Africa (BSA) kuleveki ephelileyo, uBooi akafuni nokuyingena lonto enethemba lokokuba izinto zizakuguquka ukuze azuze amanqindi. 

“Asizange safuna ukuzibandakanya kwizinto ezenzeka e-ofisini. Ithemba lethu kukuba amanqindi angakhula, abuyele kulandawo ayekuyo ngaphambili. Kufuneka sithethe ngamabali amahle namnandi ngamanqindi. Sigxile ekuphuhliseni nasekuncedeni amanqindi,” utshilo uBooi. 

Eyona nto ebalulekileyo kuBooi luphuhliso lwamanqindi nokuqinisekisa ukuba udlala indima yakhe. Kwaye isidlo sangokuhlwa esasibanjelwe eMonti kutsha nje sibubungqina bokokuba uBooi ufuna amanqindi abuyele kundalashe.

“Siye sabona, saqonda ukuba iimbethi-manqindi ziswele kakhulu. Azinankxaso nangona ziwuchana umcimbi. Ziyasokola nkqylu nangexesha zizilungiselelayo. Ziphuma kumakhaya ahlelelekileyo. Saye sanxibelelana nabantu abathile, abaye basixhasa. Asinayo imali ehleli ikhona. Sineqela labantu abazimiseleyo emanqindini. Siye sahlala phantsi, sacinga ngeendlela zokunceda,” utshilo uBooi. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php