UMpumelelo Tshabalala uyintshatsheli entsha ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwejunior-flyweight emva kokubetha uJunior Zarate wase-Argentina ngamanqaku eVodaworld, eMidrand, kanye emva kwesikabhadakazi.

Abagwebi ababini – uLulama Mtya (112-115) noPatrick Mukondiwa (112-115) bathe uTshabalala uphumelele, logama uJohn Shipanuka (116-111) ethe kuphumelele uZarate. 

Kuyafuneka ithethwe into yokokuba uZarate ulwe kakuhle kakhulu kulomlo, kwaye ziyothusa iziphumo zawo. UZarate uwise uTshabalala ngenqindi elingene esilevini kumjikelo wesithandathu. 

UZarate ebexakeke kakhulu kulomlo, logama uTshabalala ingakhange ibenguye lowa odla ngokuchebeleza kwimilo yakhe. Kodwa ke, uTshabalala waseKatlehong, Ekurhuleni, uzakuvuyiswa kukuphumelela ibhanti ye-IBO. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php