USandile Mahlangu uzifanise nophango lwasesidlangalaleni iziphumo zomlo wangoMgqibelo phakathi komkhuluwa wakhe uBongani ‘Wonderboy’ Mahlangu noSiyabulela ‘Showtime’ Hem.  

USandile ukuthethe oku emva kokuba bobathathu abagwebi – uCyprial Ndaba (113-115), uTony Nyangiwe (112-116) noDuduzile Dlamini (113-116) – benqwalile, besithi uHem, oneminyaka engamashumi amabini ananye, uphumelele nangona bekubonakele ngathi uMahlangu wenze ngokwaneleyo ukuyikhusela intshinga yakhe. 

“Siqhathiwe. Kubuhlungu kakhulu ukuqhathwa ngoluhlobo. Bekucacile ukuba bebefuna kuphumelele lo besisilwa naye. Soze kuthi kanti asikhange siphumelele nomjikelo omnye,” utshilo uSandile, oqeqesha uMahlangu. 

USandile ulebele ngelithi: “Iziphumo zalamlo zigqitywe kungekaliwa. Sizakufaka isibheno, kwaye sizakucela abagwebi abazimeleyo nabangakhethe cala ukuba bawuphonononge lamlo.”

Kusenjalo, uMahlangu waseBoipatong kuNxantathu weLekoa wayiphumelela lentshinga yoMzantsi Afrika emva kokunqumamisa owayeyintshatsheli u-Ayabonga Sonjica e-Orient Theatre, eMonti, ngoJulayi 2022. 

UMahlangu, oneminyaka engamashumi amane anesihlanu, ebezama ukukhusela intshinga yoMzantsi Afrika ngempumelelo isihlandlo sesithathu. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php