Akukho ndlela yimbi kwinto emayenzeke xa uSikho ‘Sequence’ Nqothole esilwa nembethi-manqindi yaseNamibia uJafet Amukwa kumlo wamazwe ngamazwe eBox Camp Booysens, eRhawutini, ngokuhlwa kwangoLwesihlanu.

Lenzalelwane yaseMthatha kunye no-Amukwa babenze lula ubunzima ngethuba bebekwa eskalini eBooysens ngoLwesine ngaphambi kwetumente yeBoxing 5 Promotions. 

“Amalungiselelo ebemahle kakhulu njengokuba sidla ngokulungiselela nakweminye imilo. Sibenzile ubunzima sobabini,” uphefumle watsho uNqothole.  

UNqothole uphinde wathi xa ebethetha ngo-Amukwa: “Akukho kwanto ngaye. Ndandimbonile esilwa noDeeJay Kriel. Kwanto aza nayo sizakube siyilungiselele.” 

UNqothole, oneminyaka engamashumi amathathu, wakhubeka ngethuba ebethwa yimbethi-manqindi yaseMexico uRene Calixto Bibiano kwelaseMexico phantse kwiinyanga ezine ezigqithileyo.

Okwangoku, uNqothole ukwindawo yeshumi elinesixhenxe kwiWorld Boxing Council (WBC), kwindawo yeshumi elinanye kwi-International Boxing Federation (IBF) nakwindawo yeshumi elineshlanu kwiWorld Boxing Organisation (WBO). – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php