Noko ngoku kugqithile okubi nokoyikisayo njengokuba uSinethemba Blom ebuyele ekhayeni lakhe eDunoon, eKapa, emva kokuchitha phantse iveki yonke kwesinye sezibhedlele zaseRhawutini.

UBlom wabalekiselwa esibhedlele emva kokuphulukana nomlo wakhe nentshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwelightweight uKhaya Busakwe ngoMgqibelo wempelaveki egqithileyo. 

UBlom, obuyele ekhaya ngoMgqibelo, wanqunyanyiswa nguBusakwe kumjikelo weshumi ngethuba wayecela umngeni kwintshinga yoMzantsi Afrika eVodaworld, eMidrand. UBlom ukhululwe esibhedlele ngoLwesine, waze wachitha iintsuku ezimbini eRhawutini emva koko.  

“UBlom ukhululiwe esibhedlele. Ndiye ndahamba naye, ndambuyisela ekhayeni lakhe eKapa. Ndidibene nosapho lwakhe, ndacacisa into eyenzekileyo,” udize watsho uLonki Witbooi, ongumlawuli kaBlom. 

UWitbooi wongeze ngelithi: “UBlom uye wayokuhlolwa ngoogqirha emva komlo, kwaye uhlolo lwabonakalisa ukuba bekukho ukopha okuncinane nokudumba engqondweni. Uphindile wayokuhlolwa ngoMvulo, apho kubonwe khona ukuba yonke into ihamba kakuhle.” 

UWitbooi, ozinze eMonti, kwakufanele ukuba wabuyela ekhaya ngeCawa, kodwa wagqiba kwelokokuba akhe athi chu eRhawutini ukuze abengecala likaBlom.

UBlom uye watyelelwa esibhedlele libambela-ngqonyela kwaBoxing South Africa (BSA) uTsholofelo Lejaka, umphathi weXaba Promotions u-Ayanda Matiti, obengumthelekisi womlo wakhe, umphathi kaBSA eGauteng uHloks Ramagole, uBro Mla Tengimfene, uTshele Kometsi, uBusakwe nomqeqeshi wakhe uNorman Hlabane.

“Ndithanda ukubulela kuTsholofelo Lejaka wakwaBSA nomthelekisi u-Ayanda Matiti. Bebenathi ngexesha lobunzima, kwaye uMatiti uye wazolula iintsuku zam ehotele. Sibulela nakuTK ngokuba nathi. Income kakhulu into abayenzileyo,” utshilo uWitbooi. 

“Okwangoku uBlom uzakuphumla kokwemiyalelo kagqirha. Kodwa ke kufuneka ndiyicacise into yokokuba ugqirha uthe akukho ngxaki uBlom angaqhubela phambili nokulwa.” – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php