Ukulungiswa kwebala laseBuffalo City Stadium, eMonti, kunyanzelise ukuba iChippa United ibuyele iyokudlala imidlalo yayo eGqeberha.

Ibala laseMonti belikwimeko embi kakhulu ngethuba iiChilli Boys zibetha iRichards Bay FC ngenqaku elinye eqandeni kumdlalo weBetway Premiership kuloMgqibelo ogqithileyo. 

“Nangona siphumelele, siyavuma ukuba ubume bebala bebungumcelimngeni obangelwe yimozulu emandla kuyo yonke iMpuma Koloni, kuquka nezandyondyo zemvula nekhephu kwezinye iindawo,” zitshilo iiChilli Boys emva kwemini ngoMvulo.  

“Imozulu emandla ibangele umonakalo omkhulu kwelibala, nto ke leyo eyenze kubenzima ukudlala. Njengeqela elizinikeleyo ekubambeni umgangatho ophakamileyo kwibhola ekhatywayo, sigqibe kwelokokuba lilungiswe elibala kunye nendlela yokufunxa kwalo amanzi.” 

IiChilli Boys ziphinde zathi: “Lenkqubo izakuthabatha iiveki ezintlanu, apho elibala lizakube livaliwe de uqukunjelwe umsebenzi. Ngenxa yalonto, umdlalo neTS Galaxy FC, obekelwe umhla wamashumi amabini anethoba kuSeptemba uzakudlalelwa eNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha.

“Njengophawu lokubulela nokuncoma inkxaso yenu, kuzakubakho iibhasi ezizakuthutha abalandeli ukusuka kumasipala waseBuffalo City ukuya eNelson Mandela Bay Stadium. Ezibhasi zizakusuka eMonti ngentsimbi yesibhozo kusasa ukwenzela ukuba nifike ngethuba ukuzokuxhasa iqela lenu.” 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php