ULwando Mgabi unyeke ukuphumelela intshinga yoMzantsi Afrika phantse iminyaka emithathu emva komlo wakhe wokuqala kudidi lwabahlawulwayo, apho wabetha khona u-Onke Nelani ngoDisemba 2021. 

UMgabi ulwa noSihle Jelwana kumlo wentshinga yoMzantsi Afrika engenamntu kudidi lwejunior-bantamweight eSunningdale Sport Complex, eMilnerton, eKapa ngokuhlwa kwangoLwesihlanu. 

Le ntshinga yathiwa xibilili nguPhumelela Cafu, ozakucela umngeni kwinjinga yeWorld Boxing Organisation (WBO) kudidi lwejunior-bantamweight uKosei Tanaka eTokyo kwelaseJapan kulenyanga ezayo. 

“Ndiziva ndisemandleni kakhulu, sele ndijonge ukukhwela eqongeni. Ukuba ukekele uzakuwa,” utshilo uMgabi, oyinzalelwane yaseDuncan Village ezinze eKhayelitsha, eKapa.

Engekabethwa kwimilo emithandathu, enqumamise amadoda amabini, uMgabi ubuyela eqongeni emva kokuphumelela kumlo wakhe noLebogang Pilane kwiWorld Boxing Federation (WBF) Africa kudidi lwejunior-bantamweight ngo-Epreli walonyaka.  

Ukanti ke kwelinye icala, sisihlandlo sesibini uJelwana ecela umngeni kwintshinga yoMzantsi Afrika. Wanqunyanyiswa kumjikelo wokuqala yintshatsheli ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwempukane uJackson Chauke ngethuba babesilwela intshinga yoMzantsi Afrika ngoJuly 2019. 

Lenzalelwane yakuKomani eneminyaka engamashumi amathathu iya kulo mlo noMgabi emva kokuphumelela kwimilo yayo emibini yokugqibela. UJelwana ubethe uSaul Hlungwane noBongani Nocele. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php