Usendleleni kwakhona owayesakuba yinjinga yoMzantsi Afrika uNhlanhla ‘Mount Kilimanjaro’ Tyirha njengokuba emkile e-All Winners Boxing Gym kaMlandeli Tengimfene eMdantsane. 

I-InkSport ithelwe thsuphe ukuba lentshatsheli yamhlamnene kweloMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight izakwenjenjeya ukusingisa eKapa, apho kulindeleke ukuba izibandakanye ne-9th South African Infantry (SAI) Boxing Club eKhayelitsha. 

UTyirha usandula ukubuyisa izitya, ebetha uGeorge Kandulo ngamanqaku eziphindezela e-Orient Theatre, eMonti, emva kokubethwa yilenzalelwane yaseMalawi ngoJulayi nyakenye.  

“Ndimke e-All Winners kwiiveki ezintathu ezigqithileyo. Andikhange ndifikelele kwisivumelwano noBro Mla malunga nezinto ezithile,” utshilo uTyirha, owazalelwa eMdantsane.

Ekrwecwa ukuba aphefumle, uTengimfene uthe: “Akukhange kubekho ngxaki phakathi kwethu. Uye wandithumela umyalezo othi yena ubuyele kuShakes (Hlombe). Andikhange ndibenengxaki nalonto. Mna ndivuyela into yokokuba ndikwazile ukumfunela umlo. Andina nxa ngakuye. Simnqwenelela amathamsanqa.”

Ukuzokuthi ga ngoku, uTyirha sele eziqeqeshe kwiindawo ezingaphaya kwesithathu kulonyaka. Ukhe waziqeqesha ngaphantsi kwesandla sikaPhumzile Matyhila, uVusi Mtolo, uSimphiwe Vetyeka noBaba Makala. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php