Sekumbovu ukuba ubekhona umlo ekukudala ukhwazwa ngabalandeli bamanqindi eMzantsi Afrika njengokuba umqondisi weGolden Gloves uRodney Berman equkumbela iingxoxo. 

Emva kokuba uBerman ekwenze konke bazakudibana eqongeni uBeaven Sibanda noSiyakholwa Kuse kumlo ekungathandabuzekiyo ukuba uzakulahlula phakathi uluntu lwamanqindi eMzantsi Afrika.  

“Ayinamntu ibhanti yeWBC Silver. Nokokuba ngubani na phakathi kwabo ozuze labhanti, lonto iyakumbeka kufutshane ekulweleni intshinga yehlabathi. Sele ndinazo iingxoxo nabo bobabini. Ndiqinisekile ndizakuwenza lo mlo,” utshilo uBerman.  

“Ngokwezithonga abazibethayo, lo ngowona mlo ophambili onokwenziwa eMzantsi Afrika ngoku. Ludidi oluphantsi, kodwa zombini ezimbethi-manqindi zikumgangatho ophezulu. Zombini ezimbethi-manqindi ziyakuba nendumasi emva kwalo mlo. Kwaye ke zombini ziwufanele.”

Ukuba izinto zihamba kakuhle, lo mlo phakathi kukaSibanda noKuse, oyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight, uzakubanjwa ngoLwesihlanu umhla wesithandathu kuDisemba. 

USibanda, oyinzalelwane yaseHarare eZimbabwe, ubekwa kwindawo yeshumi elinesihlanu kwiWBC, logama uKuse waseMdantsane ekwindawo yesixhenxe. 

USibanda uyiphumelele yosixhenxe imilo yakhe, enqumamise amadoda amabini. Ukanti, yena uKuse uphumelele kasixhenxe, enqumamise amadoda amane, waze wabethwa kwimilo emibini, walwa ngokulingana komnye. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php