Umqeqeshi omtsha wAmaZulu u-Arthur Zwane, nobambe ilima njengomqeqeshi, ude wayishiya iKaizer Chiefs emva kwemini ngoLwesithathu njengokuba eqala ubomi obutsha eThekwini.
UZwane utyunjwe njengomqeqeshi obambe ilima noVusumuzi Vilakazi ngokuhlwa kwangoLwesibini emva kokugxothwa kommi waseSpain uFranco Pablo Martin kuleveki ephelileyo.
“Ndithanda ukwenza umbulelo ongazenzisiyo kuGqirha Motaung ngenkxaso andinike yona, ukukhokelwa kunye nothando ngalo lonke ixesha endilichithe kwiChiefs njengomdlali nomqeqeshi,” utshilo uZwane.
“Ukukholelwa kwakhe kum kwenze ukuba ndikhule ukusuka ekubeni ngumdlali ndade ndangumqeqeshi wophuhliso ndayokuma ngokuba ngumqeqeshi omkhulu. Ndiswele amazwi okubulela ngamathuba endiwanikwe leliqela, mathuba lawo andixonxe ndangulomntu ndinguye ebomini. Ngoko ke, ndiyabulela kwiKaizer Chiefs, ndiyabulela kusihlalo.”
Banomsebenzi omkhulu uZwane noVilakazi njengokuba Usuthu lusemsileni kumanqwanqwa ePremiership emva kokubethwa kuyo yomithathu imidlalo yokuvula.