Kubonakala ngathi imbethi-manqindi yaKwaZulu-Natal nengekabethwa uMxolisi ‘Nation’ Zuma akazimiselanga ukuyeka ukuphumelela njengokuba ebethe u-Albert Kimario Ongoro waseKenya eMoth Hall, eDundee, ngoMgqibelo ebusuku.
UZuma unqumamise uKimario kumjikelo wokuqala, waze ngaloondlela wabe kanti uyiphumelele ngokunqumamisa amadoda kuyo yolithoba imilo yakhe. Ngoku ke uZuma uyinjinga entsha ye-African Boxing Union (ABU) kudidi lwejunior-featherweight.
UKimario, oneminyaka engamashumi amabini anesithathu, uphumelele imilo elishumi, enqumamise amadoda amahlanu, wabethwa kwimilo emithathu, wadlala ngokulingana komnye. UKimario unqunyanyiswe kuyo yomithathu imilo aphulukene nayo.
Kusenjalo, uZuma, oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu noyinzalelwane yaseMpangeni, ubekwa kwindawo yokuqala kuluhlu loMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight.
Kwaye abaphathi bakhe sele beyifakile incwadi ecela umngeni kwintshinga yenjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight uSiyabulela Hem.