IKaizer Chiefs ibethe iMarumo Gallants ngamanqaku amane kwamathathu kumdlalo we-2024 CUFA Cup eFree State Stadium, eBloemfontein, emva kwemini ngeCawa. 

Kuye kwanyanzeleka ukuba lo mdlalo uqukunjelwe ngokukhatywa kwebhola isuka ecaphazeni emva kokuba lamaqela mabini engakhange afake nqaku kwimizuzu engamashumi alithoba. Amakhosi afake amanqaku amane, yaze iGallants yafaka amathathu, logama unozinti weChiefs uBruce Bvuma ebambe iibhola ezimbini.

Ukanti, bekuye kwabakho amathandabuzo ngalomdlalo emva kokuba iGallants ikhuphe uxwebhu ngokuhlwa kwangoMgqivelo ibhala isithi iyarhoxa kuletumente.

Kodwa ke, iGallants nabaququzeleli betumente baye bafikelela kwisivumelwano kusasa ngeCawa, waze umdlalo waqhubela phambili emva kwemini. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php