UPhumelela ‘The Truth’ Cafu ulwe ngendlela encomekayo ngethuba ehlutha isithsaba sikaKosei Tanaka waseJapan e-Ariake Arena, eTokyo, kwelaseJapan ngoMvulo. 

Esilwa ngaphambi kwegquba labantu ebebengenalusini, uCafu ubonakalise kwa kwintsimbi yokuqala ukuba kutheni na eye wokulwa eJapan njengokuba ethabathe umlo wawusa kuTanaka. 

Kwaye uCafu uye wamngqengqisa uTanaka emva kokumbetha ngenqindi lasekunene kumjikelo wesihlanu. Kodwa uTanaka uye wabuya ngamandla, wawuguqula umlo kumjikelo wesixhenxe, ebetha izithonga ezivakalayo.

UCafu waseDuncan Village, eMonti, ebesesemlweni njengokuba elwe wade waphumelela ngokwabagwebi ababini uPhil Austin noWaleska Roldan (114-113), logama uJesse Reyes (114-113) ethe nguTanaka ophumeleleyo. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php