Ayavuleleka amathuba kwintshatsheli entsha yeWorld Boxing Organisation (WBO) kudidi lwejunior-bantamweight uPhumelela ‘The Truth’ Cafu, ohluthe intshinga kuKosei Tanaka waseJapan embetha ngamanqaku e-Ariake Arena eTokyo kwelaseJapan ngoMvulo.

UCafu ulwe kakuhle kakhulu, waze waphumelela ngokokutsho kwabagwebi ababini uPhil Austin noWaleska Roldan (114-113), logama uJesse Reyes (114-113) ethe nguTanaka ophumeleleyo. 

Ngoku lenzalelwane yaseDuncan Village, eMonti, ivuna iziqhamo zokusebenza nzima njengokuba ezibandakanya neTeiken Promotions ka-Akihiko Honda eJapan. ITeiken Promotions yiyo ebimthelekise noTanaka.

“Makhulu amathuba okubuyela eJapan. UPhumelela utyikitya neTeiken Promotions kaMnumzana uHonda. Lithuba elihle kakhulu kuthi sonke eli,” utshilo umanejala nomqeqeshi kaCafu uColin ‘Nomakanjani’ Nathan.

“Lomfana udinga ukwenza imali njengokuba eyinjinga yehlabathi nje. Uyintshatsheli yokwenene, kwaye kufanelekile ukuba ahlawulwe kakuhle.” 

UHonda, oneminyaka engamashumi asixhenxe anesixhenxe, sisisele senyathi ekuthelekiseni njengokuba sele ethelekise kwiitumente ezingamakhulu amabini anamashumi alithoba anesixhenxe ukususela ngo-1981. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php