Zibaliwe iintsuku zikaNtethelelo Nkosi njengentshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight, utsho ozakulwa naye uSanele Msimang. 

UMsimang uthi unomsebenzi ekufuneka ewenzile wokuya e-Emperor’s Palace, eKempton Park, ayokohlutha intshinga kaNkosi xa ezimbethi-manqindi zimbini zaKwaZulu-Natal ziqubisana ngoMgqibelo kuleveki ezayo.

UNkosi uzakube elinga ukuyikhusela okokuqala ngempumelelo intshinga yakhe emva kokuyiphumelela ngethuba wayenqumamisa uPrince Dlomo kumjikelo wethoba eThekwini ngoNovemba nyakenye.  

“Nayiphi na imbethi-manqindi iya emlweni iqinisekile yinto ezakuyenza. Ndiyahamba, ndiya eRhawutini kuleveki ezayo, kwaye ndiluthembisile usapho lwam ukuba ndizakubuya nayo lentshinga,” utshilo uMsimang.

UMsimang, onkaba yakhe yawela eNtshanga, wongeze ngelithi: “Indivuyisa kakhulu into yokokuba abaqeshi bam eSunshine Bakery bendinike ikhefu ukuze ndiwulungiselele ngendlela eyiyo lomlo. Andifuni ukubadanisa abaqeshi bam, yiyo lonto ndizakuwuphumelela lomlo, kwaye ndiqinisekile ngalonto.”

UMsimang wenze kakuhle kwimilo yakhe emihlanu yokugqibela, ephumelela kwemine, wabethwa komnye. Kwaye sisihlandlo sesibini ecela umngeni kwintshinga yoMzantsi Afrika njengokuba wakha phantsi isitya sithe qhu ngethuba ebethwa ngowayeyintshatsheli kudidi lwelightweight uTshifhiwa Munyai ngo-Okthobha 2021. 

Kusenjalo, uMsimang wabetha uLuvuyo Mputi kumlo weWorld Boxing Federation (WBF) International kudidi lwejunior-welterweight ukugqibela kwakhe ukulwa  ngo-Agasti wonyaka ophelileyo. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php